iLifa lezithutha lidliwa ngabahlakaniphileyo

Uyazi ngelinye ixesha andibaqondi kakuhle abantu bakuthi banjani. Yintoni lento yethu yoku kholelwa yonke into esuka kumntu othi “ndingumfundisi?” Kutheni abantu bakuthi bangakhe baphikisane nomntu onguMfundisi ozokuthi yena uyayazi inyani ukoqgitha abanye abantu. Sonke siyayazi into yokuba ibhayibhile yingcwadi eyabhalwa kudala, yayibhalelwe ukubonisa abantu indlela yokuphila ngoko. Ezamini ibhayibhile yayibhalwe ngazo zohlukile kwezi ntsuku siphila kuzo namhlanje.

Masikesithethe nge ndlela ibhayibile efikengayo eMzantsi Afrika. Ingcwadi yokuqala ye bhayibhile eyaguqulwa ngesi Xhosa yayi ngo 1833. Ngamanye amazwi akukho kudala ikhona ibhayibhile yesi Xhosa. Ithetha ukuthi lonto ibhayibile yesi Xhosa ineminyaka angaphantsi ku 200. Apha eMzantsi Africa ibhayibhile ifika nabantu abamhlophe besuka phesheya besithi bangama “Protestant” (andiyazi yintoni iProtestant ngesi Xhosa) nama Roma. Abantu bakuthi baafundiswa nge bhayibhile kwathiwa mabalahle amasiko nezithethe zabo ngokuba azibabalwanga and azingqinelelani nemfundiso zebhayibhile. Abantu bakuthi bazilahla izithethe zabo abanye bengafuni uzilahla izithethe zabo. Namhlanje siphila elizweni elunguMxube abanye bayathandaza, abanye bayaxhela, abanye baxhela be thandaza, bazenza zonke mntasekhaya. Andithi ukuthandaza kungcono kunoxhela okanye ukuxhela kungcono kunokuthandaza, into endiyithethayo kukuba kutheni abantu bangakhe baphikisane nomfundisi xa eshumayela, okanye xa esithi abantu mabatye ingca, okanye xa esithi abantu maba sele i-petrol? Wenamntu ukhonzayo awuyiboni ingathi isnaks into yokuba uhamba usela i-petrol okanye ukutya ingca? Kutheni abantu bangavuli amahle babone ukuba ayikho lento ithethwa ngababa fundisi.

Kukho lento abantu ba kholelwa kuyo ye Jerusalem entsha. Masike sincokole ngale Jerusalem intsha bethuna. Indaba ye Jerusalem entsha isuka ebhayibhileni. iJerusalem entsha ezofunyanwa ngabo bathe ngokubephila emhlabeni bazinikela ku Yehova. Abantu abozofumana iJerusalem entsha ngabo bathe bavuma uYesu. Into abantu ingathi abayiqondi yinto yokuba iJerusalem yindawo ekhoyo KwaSirayeli apho abantu abamnyama bangafunwa khona. iJerusalem endala yile iselizweni elicinezela amaPalestina. AmaPalestina namhlanje acinezelwe nje ngabantu abamnyama babecinizelekile nge ntsuku zo calucalulo apha eMzantsi Afrika.

Abantu ingathi abayibali into yokuba le Jerusalem intsha bathethangayo izayo abanye abantu, ngakumbi abantu abamhlophe, bayitya apha emhlabeni iJerusalem entsha. Njengokuba abantu bakuthi besithi balindele iJerusalem entsha, abanye abantu badla iJerusalem apha eMzantsi Afrika. Abantu bakuthi bayithatheli phezulu indaba ye bhayibile nezinto ekufuneka bazenze ba bakuzofumana indawo ezulwini. Ithi kaloku ibhayibhile abantu mabangagcini ubutyebi babo emhlabeni, mabagcine ubutyebi babo ezulwini. Into endixakayo yinto yokuba sithi bantu bamnyama eMzantsi Afrika abangenabo ubutyebi emhlabeni, siyalamba, and silamba nje abantu basebambelele kwi Jerusalem entsha ngeloxesha abanye abantu bakha ubutyebi emhlabeni, bakha ubutyebi obuzodliwa sisizukulwana sesizukulwana.

Masivukeni emaqandeni abolileyo! Masiyibone lendaba ye Jerusalem entsha iyasibophelela. Lendaba ye Jerusalem entsha yenza abantu bangazilwelwi iimfanelo zabo apha emhlabeni ngokuba abantu banethemba le Jerusalem entsha. Bayavuya kakhulu abantu abamhlophe abantu xabethetha nge Jerusalem entsha ngokuba ithetha ukuthi lonto abantu ababufuni ubutyebi basemhlabeni, ubutyebi obuse zandleni zabantu abamhlophe nanamhlanje. Lendaba ye Jerusalem entsha idodobalisa ingqondo zabantu. Abantu abayiboni ukuba le ndaba ye Jerusalem entsa iyasibophelela. Inzima le ndaba ye Jerusalem entsha ngokuba abantu abazanayo lendaba ye Jerusalem entsha, abantu abamhlophe ngamanye amagama, abayikhathelelanga le Jerusalem entsha, ngabantu bakuthi abathe phithi yi Jerusalem entsha ezayo.

Kukho i-joke yayithandwa ngu Archbishop Desmond Tutu ethi abantu abamhlophe beza e-Afrika bephethe ibhayibhile abantu abamnyama benomhlaba. Bathi abantu abamhlophe makuthandazwe, nabantu abamnyama bacimela kwathandazwa. Ekuvuleni kwabantu amehlo abantu abamhlophe ba nomhlaba, abantu abamnyama bane bhayibhile. Uyithetha nje ngento ehlekisayo u Desmond Tutu kodwa le joke yakhe igcigciza inyani. Abantu bakuthi ngabo ngoku abazimiseleyo nge cawa. Lento yethu yokuthanda ibhayibhile ifikele kwinqanaba lokuba singazazi nobuba singobani. Isibhidile into ye cawa ne bhayibile kuba ngoku asikwazi noyibona into yokuba siyabhanxwa ngabantu ngale Jerusalem intsha.

Ndiyibonile mna indlela abantu ababopheleleke ngayo ngenxa yoku linda iJerusalem entsha ezayo. Mna ndithi masiyiphile apha emhlabeni iJerusalem entsha. Masiyitye ngoku sisaphila iJerusalem entsha. Mna ubomi bam ndibuphila nje ngomntu ongalindelange obunye. Lento yokulindela obunye ubomi obuzayo. Ikwenza ungonwabi ngoku usaphila. Lento yokulindela iJerusalem entsha yenza abantu bangazityhali ekuzameni ukwakha ubomi obuphucukileyo. Lendaba ye Jerusalem entsha yenza abantu bangazilweli imfanelo zabo kuba kaloku kukho le ntetho ithi abantu maba gcine ubutyebi babo ezulwini and mabalindele iJerusalem entsha.

Inzima into yokuba abantu kufuneka bagcine ubutyebi ezulwuni kodwa abefumndisi banemali apha emhlabeni. Abafundisi baqhuba iimoto ezinamagama, iimoto ezinamavili emqolo. Abafundisi bahlala kwizindlu ema sababs ngeloxesha abantu bebandla bayasokola, kodwa ngababantu basokolayo abafuneka bakhuphe imali ecaweni. Umfundisi k‘qala uphila ubomi base Jerusalem entsha phambi kwebandla lakhe. Iphi lonto umntu athi gcina ubutyebi bakho ezulwini athogqiba yena azithengele iBMW?

Lentetho ye Jerusalem entsha yenza abantu bangaphuhlisi ubomi babo ngoku be phila. Uyayiqonda phofu into yokuba abantu bakuthi babhubha benganazinto, abantu bakuthi bayafa bengashiyizinto, abawashiyi amafa azodliwa zizizukulwana. Ingathi kum abantu bakuthi abakayiqondi into yokuba uMzantsi Africa lilifa lethu sonke, funeka sonke singcamle ubomi obumnandi base Mzantsi Afrika. Into yoku ngcamla ubumnandi eMzantsi izokwenzeka xa sikholwelwa nyani ukuba ziimfanelo zethu iziqhamo zase Mzantsi Afrika. Izokwenzeka lonto xa siyiphila apha emhlabeni iJerusalem entsha. Ukuba asikayiboni into yokuba ilifa lethu bantu bamnyama kwelilizwe siphila kulo lidliwa ngaba-hlakaniphileyo, soze siphinde siyibone lento. Njengokuba silibeleke kukulala siphupha nge Jerusalem entsha, abanye abantu, ngakumbi abantu abamhlophe, bahleli bantya iJerusalem entsha apha emhlabeni. Into engazokwenzeka ebomini bam, andizomisa ubomi bam ndilindele iJerusalem entsha endingayaziyo, iJerusalem eyaza nabantu abamhlophe apha ekhaya, iJerusalem entsha ke phofu engakhathalelwanga ngabantu abaza nayo. Ndiyifuna apha eMzansti Afrika, ngoku ndisaphila iJerusalem entsha.